-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Proverbios 14:21|
Omdelayo ummelwane wakhe uyona; Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!
-
22
|Proverbios 14:22|
Abayi kulahleka yini na abayila ububi? Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.
-
23
|Proverbios 14:23|
Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo; Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.
-
24
|Proverbios 14:24|
Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo; Ukumatha kwezinyabi kukumatha.
-
25
|Proverbios 14:25|
Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo; Ke elifutha amanga liyinkohliso.
-
26
|Proverbios 14:26|
Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele, Abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.
-
27
|Proverbios 14:27|
Ukoyika uYehova lithende lobomi, Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.
-
28
|Proverbios 14:28|
Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani; Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.
-
29
|Proverbios 14:29|
Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi; Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.
-
30
|Proverbios 14:30|
Bubomi benyama intliziyo epholileyo; Ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19