-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 20:1|
Ingumgxeki iwayini, singumxokozeli isiselo esinxilisayo; Bonke abayotywe yiyo abalumkile.
-
2
|Proverbios 20:2|
Ngumgqumo onjengowengonyama entsha umothuso wokumkani; Omqumbisayo wona umphefumlo wakhe.
-
3
|Proverbios 20:3|
Kuluzuko endodeni ukuhlalela kude nengxabano; Ke zona izimathane zonke ziyavungama.
-
4
|Proverbios 20:4|
Ebusika ivila alilimi; Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto.
-
5
|Proverbios 20:5|
Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda, Kanti indoda enengqondo iyalirhola.
-
6
|Proverbios 20:6|
Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo; Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongayifumanayo?
-
7
|Proverbios 20:7|
Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa, Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe!
-
8
|Proverbios 20:8|
Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba, Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.
-
9
|Proverbios 20:9|
Ngubani na ongathi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam, Ndihlambulukile esonweni sam?
-
10
|Proverbios 20:10|
Amatye ngamatye, iiefa ngee-efa, Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38