-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 21:1|
Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova; Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.
-
2
|Proverbios 21:2|
Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo; Umlinganisi weentliziyo nguYehova.
-
3
|Proverbios 21:3|
Ukwenza ubulungisa nokusesikweni Kunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.
-
4
|Proverbios 21:4|
Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo, Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.
-
5
|Proverbios 21:5|
Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa; Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.
-
6
|Proverbios 21:6|
Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayo Ngumphunga ophephethekayo wabafuna ukufa.
-
7
|Proverbios 21:7|
Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa; Ngokuba abavumi ukwenza okusesikweni.
-
8
|Proverbios 21:8|
Iligoso-goso indlela yendoda enetyala; Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.
-
9
|Proverbios 21:9|
Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu, Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.
-
10
|Proverbios 21:10|
Umphefumlo wongendawo unqwenela ububi; Amehlo akhe akambabali ummelwane wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38