-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 8:1|
Abumemezi na ubulumko? Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo?
-
2
|Proverbios 8:2|
Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni, Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile.
-
3
|Proverbios 8:3|
Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko, Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:
-
4
|Proverbios 8:4|
Ndimemeza kuni, madoda; Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.
-
5
|Proverbios 8:5|
Buqondeni ubuqili, ziyatha; Yiqondeni intliziyo, zinyabi.
-
6
|Proverbios 8:6|
Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu, Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.
-
7
|Proverbios 8:7|
Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso; Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.
-
8
|Proverbios 8:8|
Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni; Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.
-
9
|Proverbios 8:9|
Yonke iphela ithe gca konengqondo, Ithe tye kwabafumene ukwazi.
-
10
|Proverbios 8:10|
Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere; Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7