-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Proverbios 8:21|
Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo, Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.
-
22
|Proverbios 8:22|
UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala.
-
23
|Proverbios 8:23|
Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi.
-
24
|Proverbios 8:24|
Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi.
-
25
|Proverbios 8:25|
Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli;
-
26
|Proverbios 8:26|
Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo.
-
27
|Proverbios 8:27|
Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
-
28
|Proverbios 8:28|
Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
-
29
|Proverbios 8:29|
Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
-
30
|Proverbios 8:30|
Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7