-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 3:1|
Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;
-
2
|Proverbios 3:2|
Kuba iya kukongeza imihla emide, Neminyaka yobomi, noxolo.
-
3
|Proverbios 3:3|
Inceba nenyaniso mayingakushiyi; Zinxibe kuwe emqaleni; Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho,
-
4
|Proverbios 3:4|
Ubabalwe ube nengqiqo entle Emehlweni kaThixo nawabantu.
-
5
|Proverbios 3:5|
Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.
-
6
|Proverbios 3:6|
Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho.
-
7
|Proverbios 3:7|
Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi.
-
8
|Proverbios 3:8|
Ukuphila kobakho enkabeni yakho, Nokuqina emathanjeni akho.
-
9
|Proverbios 3:9|
Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:
-
10
|Proverbios 3:10|
Ozala amaqonga akho bubuninzi, Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38