-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Proverbios 8:11|
Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale, Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.
-
12
|Proverbios 8:12|
Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini; Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.
-
13
|Proverbios 8:13|
Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.
-
14
|Proverbios 8:14|
Likum icebo nozimaso; Ndiyingqondo, bobam ubugorha.
-
15
|Proverbios 8:15|
Ookumkani banobukumkani ngam; Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.
-
16
|Proverbios 8:16|
Bathethela ngam abathetheli, Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.
-
17
|Proverbios 8:17|
Abandithandayo ndiyabathanda nam; Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.
-
18
|Proverbios 8:18|
Bunam ubutyebi nozuko, Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.
-
19
|Proverbios 8:19|
Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo; Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.
-
20
|Proverbios 8:20|
Ndihamba ngomendo wobulungisa, Phakathi kweendlela ezisesikweni;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21