-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Proverbios 19:11|
Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo; Sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.
-
12
|Proverbios 19:12|
Kukugquma kwengonyama entsha ukujala kokumkani; Sinjengombethe emfunweni isisa sakhe.
-
13
|Proverbios 19:13|
Ngumeyeliselo kuyise unyana osisinyabi; Luqhoqhozo oluxikileyo ingxabano yomfazi.
-
14
|Proverbios 19:14|
Indlu nobutyebi lilifa looyise; Ke yena umfazi onengqondo uvela kuYehova.
-
15
|Proverbios 19:15|
Ubuvila buwisela ebuthongweni obukhulu; Umphefumlo odangeleyo uyalamba.
-
16
|Proverbios 19:16|
Ogcine umthetho ugcine umphefumlo wakhe; Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.
-
17
|Proverbios 19:17|
Uboleka uYehova obabala isisweli; Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.
-
18
|Proverbios 19:18|
Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba; Kodwa ungangxameli kumbulala.
-
19
|Proverbios 19:19|
Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula; Kuba xa uthe wamhlangula, woba mandundu.
-
20
|Proverbios 19:20|
Live icebo, ulwamkele uqeqesho, Ukuze ulumke ngexesha elizayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10