-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Proverbios 1:11|
Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala;
-
12
|Proverbios 1:12|
Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini;
-
13
|Proverbios 1:13|
Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;
-
14
|Proverbios 1:14|
Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke:
-
15
|Proverbios 1:15|
Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.
-
16
|Proverbios 1:16|
Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi;
-
17
|Proverbios 1:17|
Kuba ufumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke;
-
18
|Proverbios 1:18|
Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo.
-
19
|Proverbios 1:19|
Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo.
-
20
|Proverbios 1:20|
Ubulumko bumemeza ngaphandle, Buvakalisa izwi labo ezitratweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40