-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 23:1|
Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;
-
2
|Proverbios 23:2|
Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ungumntu onombilini.
-
3
|Proverbios 23:3|
Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso.
-
4
|Proverbios 23:4|
Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda.
-
5
|Proverbios 23:5|
Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
-
6
|Proverbios 23:6|
Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;
-
7
|Proverbios 23:7|
Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa unjalo yena; Uthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;
-
8
|Proverbios 23:8|
Umthamo wakho owudlileyo uya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.
-
9
|Proverbios 23:9|
Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.
-
10
|Proverbios 23:10|
Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10