-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Proverbios 14:19|
Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo; Abangendawo bema emasangweni amalungisa.
-
20
|Proverbios 14:20|
Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo; Ke bona abathanda isityebi baninzi.
-
21
|Proverbios 14:21|
Omdelayo ummelwane wakhe uyona; Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!
-
22
|Proverbios 14:22|
Abayi kulahleka yini na abayila ububi? Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.
-
23
|Proverbios 14:23|
Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo; Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.
-
24
|Proverbios 14:24|
Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo; Ukumatha kwezinyabi kukumatha.
-
25
|Proverbios 14:25|
Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo; Ke elifutha amanga liyinkohliso.
-
26
|Proverbios 14:26|
Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele, Abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.
-
27
|Proverbios 14:27|
Ukoyika uYehova lithende lobomi, Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.
-
28
|Proverbios 14:28|
Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani; Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10