-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 16:1|
Zezomntu izicwangciso zentliziyo; Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova.
-
2
|Proverbios 16:2|
Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo; Ke yena umlinganisi womoya nguYehova.
-
3
|Proverbios 16:3|
Qengqela kuYehova izenzo zakho, Zizimaseke iingcinga zakho.
-
4
|Proverbios 16:4|
Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe, Kwanongendawo umenzele imini yobubi.
-
5
|Proverbios 16:5|
Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo; Kakade ke, ababi msulwa.
-
6
|Proverbios 16:6|
Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa; Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.
-
7
|Proverbios 16:7|
Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda, Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.
-
8
|Proverbios 16:8|
Ilungile intwana encinane enobulungisa, Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni.
-
9
|Proverbios 16:9|
Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe; NguYehova oyalela ukunyathela kwakhe.
-
10
|Proverbios 16:10|
Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani: Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10