-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Proverbios 17:8|
Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo, Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.
-
9
|Proverbios 17:9|
Ugubungela isikreqo ofuna uthando; Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.
-
10
|Proverbios 17:10|
Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondo Ngaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.
-
11
|Proverbios 17:11|
Oneenkani ufuna ububi bodwa; Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.
-
12
|Proverbios 17:12|
Kanye qubisana nebhere ehluthwe amathole ayo, Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.
-
13
|Proverbios 17:13|
Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo, Abuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
-
14
|Proverbios 17:14|
Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano; Yiyeke imbambano kungekavunganyewana.
-
15
|Proverbios 17:15|
Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa, Bangamasikizi kuYehova bobabini.
-
16
|Proverbios 17:16|
Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko, Singenantliziyo nje?
-
17
|Proverbios 17:17|
Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; Umzalwana uzalelwe imbandezelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10