-
-
Xhosa
-
-
7
|Zacarías 7:7|
Beningafanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?
-
8
|Zacarías 7:8|
Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,
-
9
|Zacarías 7:9|
Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe.
-
10
|Zacarías 7:10|
Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu.
-
11
|Zacarías 7:11|
Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, abeva.
-
12
|Zacarías 7:12|
Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.
-
13
|Zacarías 7:13|
Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.
-
14
|Zacarías 7:14|
Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.
-
1
|Zacarías 8:1|
Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi, lisithi,
-
2
|Zacarías 8:2|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeZiyon; ndinekhwele, ndinobushushu obukhulu ngayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10