-
-
Xhosa
-
-
1
|Zacarías 1:1|
Ngenyanga yesibhozo, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi:
-
2
|Zacarías 1:2|
UYehova waye enoburhalarhume obukhulu kooyihlo.
-
3
|Zacarías 1:3|
Yithi ke kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Buyelani kum, utsho uYehova wemikhosi; ndobuyela kuni, utsho uYehova wemikhosi.
-
4
|Zacarías 1:4|
Musani ukuba njengooyihlo, ababebizwa bona ngabaprofeti bangaphambili, besithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khanibuye ngoku ezindleleni zenu ezimbi nasezintlondini zenu ezimbi; ke abaphulaphula, abandibazela ndlebe; utsho uYehova.
-
5
|Zacarías 1:5|
Ooyihlo baphi na? nabaprofeti baya kudla ubomi ngonaphakade na?
-
6
|Zacarías 1:6|
Kodwa amazwi am, nemimiselo yam, endayimisela abakhonzi bam abaprofeti, ayibafumananga na ooyihlo? ukuze babuye bathi, Njengoko wakunkqangiyelayo uYehova ukuba akwenze kuthi, ngokweendlela zethu nangokweentlondi zethu, wenjenjalo kuthi.
-
7
|Zacarías 1:7|
Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yeshumi elinanye, inyanga enguShebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi,
-
8
|Zacarías 1:8|
Ndibone ebusuku, nanko umntu ekhwele ehasheni elibomvu; waye ke emi phakathi kwemimirtile ebisenyobeni, ngasemva kwakhe ingamahashe, abomvu, nangwevu, namhlophe.
-
9
|Zacarías 1:9|
Ndathi, Ngoobani na aba, nkosi yam? Sathi kum isithunywa ebesithetha nam, Ndokubonisa ukuba ngoobani na aba.
-
10
|Zacarías 1:10|
Waphendula umntu obemi phakathi kwemimirtile wathi, Aba ngabathunywe nguYehova, ukuba balihambahambe ihlabathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7