-
-
Xhosa
-
-
7
|Zacarías 4:7|
Ungubani na wena, ntaba inkulu, phambi koZerubhabheli? Yiba sisithabazi; yena uya kulivelisa ilitye lochochoyi, kunkqangazwa kusithiwa, Ubabalo, ubabalo malube kulo.
-
8
|Zacarías 4:8|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
9
|Zacarías 4:9|
Izandla zikaZerubhabheli ziyisekile le ndlu; izandla zakhe ziya kuyigqiba; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni.
-
10
|Zacarías 4:10|
Ngokuba ngubani na owoyidela imini yezinto ezincinane? Aya kuyibona ngovuyo ilothe yokulungelelanisa esandleni sikaZerubhabheli, kwawona osixhenxe amehlo kaYehova; ayawutyhutyha umhlaba wonke.
-
11
|Zacarías 4:11|
Ndaphendula ndathi kuso, Iyintoni na le minquma mibini, ngasekunene kwesiphatho sesibane nangasekhohlo kuso?
-
12
|Zacarías 4:12|
Ndaphendula okwesibini, ndathi kuso, Ziyintoni na ezi mbaxa zimbini zeminquma, zikufuphi nemiboko emibini yegolide, ethulula ioli ebugolide kuzo?
-
13
|Zacarías 4:13|
Sandiphendula, sathi, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? Ndathi, Hayi, nkosi yam.
-
14
|Zacarías 4:14|
Sathi kum, Aba babini ngabeoli, abema ngakwiNkosi yehlabathi lonke.
-
1
|Zacarías 5:1|
Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.
-
2
|Zacarías 5:2|
Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishumi-nye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7