-
-
Xhosa
-
-
7
|Zacarías 3:7|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.
-
8
|Zacarías 3:8|
Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo.
-
9
|Zacarías 3:9|
Ngokuba nalo ilitye endalibeka phambi koYoshuwa; lityeni linye kobakho amehlo asixhenxe; yabona, ndikrola ukrolo lwalo, utsho uYehova wemikhosi, ndisuse ubugwenxa beli lizwe ngamini-nye.
-
10
|Zacarías 3:10|
Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, niya kubizelana phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane.
-
1
|Zacarías 4:1|
Sabuya isithunywa esibe sithetha nam, sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe.
-
2
|Zacarías 4:2|
Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi ke, Ndibona, nanko kukho isiphatho sesibane segolide sonke siphela, sineselwa laso phezu kwentloko yaso, sinezibane zaso ezisixhenxe phezu kwaso, zinamajelo asixhenxe ngasixhenxe ezibane eziphezu kwentloko yaso;
-
3
|Zacarías 4:3|
neminquma emibini kuso, omnye ungasekunene kweselwa, omnye ungasekhohlo kwalo.
-
4
|Zacarías 4:4|
Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?
-
5
|Zacarías 4:5|
Saphendula isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? Ndathi, Hayi, nkosi yam.
-
6
|Zacarías 4:6|
Saphendula sathi kum, Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7