-
-
Xhosa
-
-
10
|Zacarías 2:10|
Memelela uvuye, ntombi inguZiyon; ngokuba, uyabona, ndiyeza, ndihlale phakathi kwakho; utsho uYehova.
-
11
|Zacarías 2:11|
Kuya kuthelela kuYehova iintlanga ezininzi ngaloo mini, zibe ngabantu bam, ndihlale phakathi kwakho; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuwe.
-
12
|Zacarías 2:12|
UYehova uya kumdla ilifa uYuda, isahlulo sakhe emhlabeni ongcwele, abuye ayinyule iYerusalem.
-
13
|Zacarías 2:13|
Mayithi tu yonke inyama phambi koYehova; ngokuba esukile ekhayeni lakhe elingcwele.
-
1
|Zacarías 3:1|
Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase.
-
2
|Zacarías 3:2|
Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na?
-
3
|Zacarías 3:3|
UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa.
-
4
|Zacarías 3:4|
Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo.
-
5
|Zacarías 3:5|
Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi.
-
6
|Zacarías 3:6|
Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5