-
-
Xhosa
-
-
10
|1 Corintios 5:10|
kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.
-
11
|1 Corintios 5:11|
Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.
-
12
|1 Corintios 5:12|
Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina?
-
13
|1 Corintios 5:13|
Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.
-
1
|1 Corintios 6:1|
Kukho na umntu kuni, enendawo ngakomnye, onobuganga bokummangalela phambi kwabangemalungisa, angammangaleli phambi kwabangcwele?
-
2
|1 Corintios 6:2|
Anazi na, ukuba abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi ligwetywa phambi kwenu, anikufanele na ukuwathetha awona mancinanana amatyala?
-
3
|1 Corintios 6:3|
Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi?
-
4
|1 Corintios 6:4|
Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na?
-
5
|1 Corintios 6:5|
Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana?
-
6
|1 Corintios 6:6|
Usuka umzalwana amangalelane nomzalwana, athi noko akwenze phambi kwabangakholiweyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 28-30