-
-
Xhosa
-
-
7
|1 Corintios 6:7|
Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukulunyukiswa?
-
8
|1 Corintios 6:8|
Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana.
-
9
|1 Corintios 6:9|
Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo,
-
10
|1 Corintios 6:10|
namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
-
11
|1 Corintios 6:11|
Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.
-
12
|1 Corintios 6:12|
Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi;
-
13
|1 Corintios 6:13|
izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.
-
14
|1 Corintios 6:14|
UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe.
-
15
|1 Corintios 6:15|
Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Nakanye!
-
16
|1 Corintios 6:16|
Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 28-30