-
-
Xhosa
-
-
17
|1 Corintios 6:17|
Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo.
-
18
|1 Corintios 6:18|
Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.
-
19
|1 Corintios 6:19|
Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?
-
20
|1 Corintios 6:20|
Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.
-
1
|1 Corintios 7:1|
Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana.
-
2
|1 Corintios 7:2|
Kodwa ke, ngenxa yoomibulo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda.
-
3
|1 Corintios 7:3|
Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe.
-
4
|1 Corintios 7:4|
Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo.
-
5
|1 Corintios 7:5|
Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.
-
6
|1 Corintios 7:6|
Ndisitsho nje, ndiyabonisa; anidithumi mntu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 28-30