-
-
Xhosa
-
-
17
|1 Corintios 7:17|
Ke, njengoko uThixo wamabelayo ulowo, njengoko iNkosi imbizileyo ulowo, makahambe ngokunjalo. Ndimisa ngokunjalo ke kuwo onke amabandla.
-
18
|1 Corintios 7:18|
Kukho mntu wabizwa engowalukileyo na? Makangazenzi ongalukileyo. Kukho mntu wabizwa engalukanga na? Makangaluki.
-
19
|1 Corintios 7:19|
Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo.
-
20
|1 Corintios 7:20|
Elowo makahlale elubizweni abizwe ekulo.
-
21
|1 Corintios 7:21|
Wabizwa ulikhoboka na? Ungakhathali koko; nokuba ke unokukhululeka, nyula kanye oko.
-
22
|1 Corintios 7:22|
Ukuba lowo wabizwayo waba seNkosini elikhoboka, ungumkhululwa weNkosi; ngokunjalo nalowo wabizwayo engokhululekileyo, ulikhoboka likaKristu.
-
23
|1 Corintios 7:23|
Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngamakhoboka abantu.
-
24
|1 Corintios 7:24|
Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo.
-
25
|1 Corintios 7:25|
Ke kaloku, ngazo iintombi andinammiselo weNkosi; ndibona oku mna, njengowenzelwe inceba yiNkosi ukuba athembeke.
-
26
|1 Corintios 7:26|
Ndiba ngoko, kulungile oku ngenxa yengxakeko engeneyo, kulungile emntwini ukuthi aselehlala njengoko anjalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32