-
-
Xhosa
-
-
37
|1 Corintios 7:37|
Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo.
-
38
|1 Corintios 7:38|
Ngoko ke lowo wendisayo uyatyapha, kodwa ke lowo ungendisiyo nguyena ukholisayo.
-
39
|1 Corintios 7:39|
Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilileyo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ithe yafa, ukhululekile, angendiselwa kwayithandayo, kodwa ke ngokwaseNkosini.
-
40
|1 Corintios 7:40|
Noko ke unoyolo ngakumbi, ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo, ngokwam mna ukubona; ndiba ke ndinaye nam uMoya kaThixo.
-
1
|1 Corintios 8:1|
Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.
-
2
|1 Corintios 8:2|
Ukuba ke umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.
-
3
|1 Corintios 8:3|
Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye.
-
4
|1 Corintios 8:4|
Ngako ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi.
-
5
|1 Corintios 8:5|
Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kuphezu komhlaba (kwanjengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi),
-
6
|1 Corintios 8:6|
kuthi thina mnye uThixo, uYise, eziphuma kuye izinto zonke; nathi sikholo yena. Inye iNkosi, uYesu Kristu, ezingayo zonke izinto; nathi singaye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32