-
-
Xhosa
-
-
14
|1 Corintios 9:14|
Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi.
-
15
|1 Corintios 9:15|
Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi ndawo andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungandilungelayo kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam.
-
16
|1 Corintios 9:16|
Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!
-
17
|1 Corintios 9:17|
Kuba xa ndikwenzayo oko ndinokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje.
-
18
|1 Corintios 9:18|
Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukukuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.
-
19
|1 Corintios 9:19|
Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi.
-
20
|1 Corintios 9:20|
KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho;
-
21
|1 Corintios 9:21|
kwabo bangenamthetho, ndaba njengongenamthetho (ndingenguye phofu ongenamthetho kuThixo, ndingosemthethweni kuKristu), ukuze ndibazuze abangenamthetho;
-
22
|1 Corintios 9:22|
kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye.
-
23
|1 Corintios 9:23|
Oko ke ndakwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32