-
-
Xhosa
-
-
17
|1 Corintios 10:17|
Ngokuba thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.
-
18
|1 Corintios 10:18|
Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso, yini na?
-
19
|1 Corintios 10:19|
Ndithini na ke ngoko? Ndithi, isithixo siyinto na? Ndithi, amadini enzelwa izithixo ayinto na?
-
20
|1 Corintios 10:20|
Anditsho! Ndithi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.
-
21
|1 Corintios 10:21|
Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.
-
22
|1 Corintios 10:22|
Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?
-
23
|1 Corintios 10:23|
Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.
-
24
|1 Corintios 10:24|
Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.
-
25
|1 Corintios 10:25|
Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela;
-
26
|1 Corintios 10:26|
kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34