-
-
Xhosa
-
-
14
|1 Corintios 11:14|
Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo?
-
15
|1 Corintios 11:15|
Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo.
-
16
|1 Corintios 11:16|
Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo.
-
17
|1 Corintios 11:17|
Ke kaloku, ndinithethela le ndawo nje, andinincomi, ukuba ukuhlangana kwenu ndawonye akusingisi kokhona kulungileyo; kusingisa kokhona kubi.
-
18
|1 Corintios 11:18|
Kuba kuqalake, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho.
-
19
|1 Corintios 11:19|
Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu.
-
20
|1 Corintios 11:20|
Xenikweni ngoko nithe nahlangana ndawonye, asikuko ukuba nidle isidlo seNkosi;
-
21
|1 Corintios 11:21|
kuba ekudleni kwenu elowo udla okwakhe ukudla; uqala adle, bengekafiki abanye, aze omnye alambe, omnye anxile.
-
22
|1 Corintios 11:22|
Kanene aninazindlu na zokudlela nokusela? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndithini na kuni? Ndinidumise na kule nto? Andinidumisi.
-
23
|1 Corintios 11:23|
Kuba mna ndakwamkela kuyo iNkosi oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34