-
-
Xhosa
-
-
24
|1 Corintios 11:24|
yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, nidle, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula.
-
25
|1 Corintios 11:25|
Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.
-
26
|1 Corintios 11:26|
Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.
-
27
|1 Corintios 11:27|
Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi.
-
28
|1 Corintios 11:28|
Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo;
-
29
|1 Corintios 11:29|
kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi.
-
30
|1 Corintios 11:30|
Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banele nabalele ukufa.
-
31
|1 Corintios 11:31|
Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa.
-
32
|1 Corintios 11:32|
Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi.
-
33
|1 Corintios 11:33|
Ngoko ke, bazalwana bam, xa nihlangene ndawonye ukuba nidle, lindanani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7