-
-
Xhosa
-
-
27
|1 Corintios 10:27|
Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela.
-
28
|1 Corintios 10:28|
Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
-
29
|1 Corintios 10:29|
Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesinye isazela?
-
30
|1 Corintios 10:30|
Ke ukuba mna ndidla ndibulela, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna?
-
31
|1 Corintios 10:31|
Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.
-
32
|1 Corintios 10:32|
Yibani ngabangebawisi nakumaYuda, nakumaGrike, nakulo ibandla likaThixo;
-
33
|1 Corintios 10:33|
njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.
-
1
|1 Corintios 11:1|
Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu.
-
2
|1 Corintios 11:2|
Ke kaloku ndiyanidumisa, bazalwana, kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo.
-
3
|1 Corintios 11:3|
Kodwa ke ndithanda ukuba nazi, ukuba intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu, intloko ke yomfazi yindoda, intloko ke kaKristu nguThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7