-
-
Xhosa
-
-
24
|1 Corintios 9:24|
Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.
-
25
|1 Corintios 9:25|
Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Bona abo ke okunene benzela ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; kodwa thina, esingenakonakala.
-
26
|1 Corintios 9:26|
Mna ke ngoko ndenjenjalo ukubaleka, ndingangi andiqondi; ndenjenjalo ukugalela ngenqindi, ndingangi ndibetha umoya;
-
27
|1 Corintios 9:27|
ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.
-
1
|1 Corintios 10:1|
Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke;
-
2
|1 Corintios 10:2|
babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle;
-
3
|1 Corintios 10:3|
badla bonke oko kudla kunye kukokomoya;
-
4
|1 Corintios 10:4|
basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu).
-
5
|1 Corintios 10:5|
Kanti noko uThixo akakholiswanga ngabona baninzi; kuba bathiwa waca entlango apho.
-
6
|1 Corintios 10:6|
Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32