-
-
Xhosa
-
-
7
|1 Corintios 10:7|
Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale.
-
8
|1 Corintios 10:8|
Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu.
-
9
|1 Corintios 10:9|
Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka.
-
10
|1 Corintios 10:10|
Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.
-
11
|1 Corintios 10:11|
Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.
-
12
|1 Corintios 10:12|
Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.
-
13
|1 Corintios 10:13|
Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.
-
14
|1 Corintios 10:14|
Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.
-
15
|1 Corintios 10:15|
Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.
-
16
|1 Corintios 10:16|
Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32