-
-
Xhosa
-
-
4
|1 Corintios 11:4|
Umntu wonke oyindoda, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, enento entloko, uya intloko yakhe.
-
5
|1 Corintios 11:5|
Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kunto-nye nokuba uchetyiwe.
-
6
|1 Corintios 11:6|
Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo.
-
7
|1 Corintios 11:7|
Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda.
-
8
|1 Corintios 11:8|
Kuba indoda ayiphume emfazini, ngumfazi ophume endodeni;
-
9
|1 Corintios 11:9|
kuba indoda ayidalwanga ngenxa yomfazi, kwadalwa umfazi ngenxa yendoda.
-
10
|1 Corintios 11:10|
Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu.
-
11
|1 Corintios 11:11|
Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda;
-
12
|1 Corintios 11:12|
kuba, njengokuba umfazi ephume kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; konke ke oko kuphume kuThixo.
-
13
|1 Corintios 11:13|
Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34