-
-
Xhosa
-
-
7
|1 Corintios 8:7|
Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokudliwa kwedini elenziwe kwisithixo, size isazela sabo, siswele amandla nje, sidyobheke.
-
8
|1 Corintios 8:8|
Ukudla akusithandisi kuye uThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asithanga sidle, asisilele nganto.
-
9
|1 Corintios 8:9|
Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla.
-
10
|1 Corintios 8:10|
Kuba xa athe ubani wakubona, wena ungonokwazi, uhleli esithebeni etempileni yezithixo, asisayi kuthi na isazela sakhe, eswele amandla nje, somelezelwe ukudla amadini enzelwe izithixo?
-
11
|1 Corintios 8:11|
Aze ngokwazi kwakho oko atshabalale umzalwana oswele amandla, awathi uKristu wamfela.
-
12
|1 Corintios 8:12|
Nisenjenjalonje ke ukona kubo abazalwana, nisidubule nje isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu.
-
13
|1 Corintios 8:13|
Ngenxa yoko ndithi, Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.
-
1
|1 Corintios 9:1|
Andingumpostile na? Andingokhululekileyo na? Andimbonanga na uYesu Kristu, iNkosi yethu? Aninguwo na nina umsebenzi wam eNkosini?
-
2
|1 Corintios 9:2|
Ukuba andimpostile kwabanye, kuni nina ndinguye; kuba itywina lokuqinisa obam ubupostile linini aba baseNkosini.
-
3
|1 Corintios 9:3|
Okwam ukuziphendulela kwabandincinayo kuko oku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32