-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
38
|1 Crónicas 8:38|
UAtsele ebenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo; nguAzerikam, nguBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Bonke abo babengoonyana baka-Atsele.
-
39
|1 Crónicas 8:39|
Oonyana bakaEsheki, umzalwana wakhe, ngu-Ulam amazibulo akhe, nguYehushe owesibini, nguElifelete owesithathu.
-
40
|1 Crónicas 8:40|
Oonyana bakaUlam babengamadoda angamagorha anobukroti, abagoba isaphetha; babenoonyana abaninzi, noonyana boonyana, ikhulu elinamanci mahlanu. Bonke abo babengaboonyana bakaBhenjamin.
-
1
|1 Crónicas 9:1|
Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa: nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo.
-
2
|1 Crónicas 9:2|
Abemi bokuqala, ababesemafeni abo emizini yabo, babengamaSirayeli, ababingeleli, nabaLevi, nabasebenza etempileni.
-
3
|1 Crónicas 9:3|
EYerusalem kwahlala aboonyana bakaYuda, naboonyana bakaBhenjamin, naboonyana booEfrayim noManase:
-
4
|1 Crónicas 9:4|
ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani, koonyana bakaPeretse, unyana kaYuda.
-
5
|1 Crónicas 9:5|
NakumaShilo: nguAzaya amazibulo akhe, noonyana bakhe.
-
6
|1 Crónicas 9:6|
Koonyana bakaZera nguYehuweli nabazalwana bakhe: amakhulu amathandathu anamanci asithoba.
-
7
|1 Crónicas 9:7|
Koonyana bakaBhenjamin: nguSalu unyana kaMeshulam, unyana kaHodafiya, unyana kaHasenuwa,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13