-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|1 Crónicas 9:18|
kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi.
-
19
|1 Crónicas 9:19|
UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango.
-
20
|1 Crónicas 9:20|
UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyinganga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye.
-
21
|1 Crónicas 9:21|
UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.
-
22
|1 Crónicas 9:22|
Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo.
-
23
|1 Crónicas 9:23|
Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina.
-
24
|1 Crónicas 9:24|
Babekho abamasango ngamacala omane, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi.
-
25
|1 Crónicas 9:25|
Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo.
-
26
|1 Crónicas 9:26|
Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abane ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile.
-
27
|1 Crónicas 9:27|
Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13