-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|2 Crónicas 30:1|
Wathumela uHezekiya kuwo onke amaSirayeli namaYuda; kananjalo wabhala iincwadi eziya kumaEfrayim namaManase, ukuba kuziwe endlwini kaYehova eYerusalem, kwenziwe ipasika kuYehova, uThixo kaSirayeli.
-
2
|2 Crónicas 30:2|
Ukumkani wacebisana nabathetheli bakhe nebandla lonke eYerusalem, ukuba kwenziwe ipasika ngeyesibini inyanga.
-
3
|2 Crónicas 30:3|
Kuba babengenakuyenza ngexesha elililo; ngokuba ababingeleli baye bengazingcwalisanga ngokwaneleyo, nabantu baye bengazihlanganiselanga eYerusalem.
-
4
|2 Crónicas 30:4|
Loo ndawo yathi tye emehlweni okumkani, nasemehlweni ebandla lonke.
-
5
|2 Crónicas 30:5|
Bamisa indawo yokuba lihanjiswe ilizwi kumaSirayeli onke, kuthatyathelwe eBher-shebha, kuse kwaDan, ukuba baze kwenza ipasika kuYehova, uThixo wamaSirayeli, eYerusalem; ngokuba babengayenzanga bebaninzi, njengoko kubhaliweyo.
-
6
|2 Crónicas 30:6|
Zahamba izigidimi zineencwadi ezivela ezandleni zokumkani nezabathetheli bakhe, zaya kuwo onke amaSirayeli namaYuda, zathi ngokomyalelo wokumkani, Nina, nyana bakaSirayeli, buyelani kuYehova, uThixo, ka-Abraham noIsake noSirayeli, abuyele kwabaseleyo kuni, abasindileyo esandleni sookumkani baseAsiriya.
-
7
|2 Crónicas 30:7|
Musani ukuba njengooyihlo, nanjengabazalwana benu, abenza ubumenemene kuYehova, uThixo wooyihlo, wabanikela baba yinto yokumangalisa, njengoko nikubonayo.
-
8
|2 Crónicas 30:8|
Musani ukuyenza lukhuni ngoku intamo yenu, njengooyihlo. Mnikeni uYehova isandla, nize engcweleni yakhe abeyingcwalisile ngonaphakade, nimkhonze uYehova uThixo wenu, kubuye kuni ukuvutha komsindo wakhe.
-
9
|2 Crónicas 30:9|
Ngokuba, ukuba nithe nabuyela kuYehova, abazalwana benu noonyana benu bofumana imfesane kwababathimbileyo, babuyele kweli lizwe; ngokuba unobabalo, unemfesane uYehova uThixo wenu; akayi kubufihla kuni ubuso bakhe, ukuba nithe nabuyela kuye.
-
10
|2 Crónicas 30:10|
Izigidimi ezo zathungela imizi ngemizi ezweni lakwaEfrayim nelakwaManase, zesa kwelakwaZebhulon. Bazihleka, bazigculela;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7