-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 30:11|
kodwa amadoda athile akwa-Ashere nawakwaManase nawakwaZebhulon azithoba, eza eYerusalem.
-
12
|2 Crónicas 30:12|
Kananjalo isandla sikaThixo sabakho kwaYuda, ukuba abanike ntliziyo-nye yokwenza umthetho wokumkani nowabathetheli, ngowelizwi likaYehova.
-
13
|2 Crónicas 30:13|
Kwahlangana eYerusalem abantu abaninzi, ukuze benze umthendeleko wezonka ezingenagwele ngenyanga yesibini; baba libandla elikhulu kunene.
-
14
|2 Crónicas 30:14|
Besuka, bazisusa izibingelelo ezibe ziseYerusalem, bazisusa zonke iziqhumiselo, baziphosa emlanjaneni oyiKidron.
-
15
|2 Crónicas 30:15|
Bayixhela ipasika ngolweshumi elinesine usuku lweyesibini inyanga. Ababingeleli nabaLevi bazidanela, bazingcwalisa, bazisa amadini anyukayo endlwini kaYehova.
-
16
|2 Crónicas 30:16|
Bema endaweni yabo ngokwesiko labo, ngokomyalelo kaMoses umfo wakwaThixo; ababingeleli balitshiza igazi layo ipasika, belithabatha esandleni sabaLevi;
-
17
|2 Crónicas 30:17|
ngokuba babebaninzi ebandleni abe bengazingcwalisanga. AbaLevi bamela ukuxhela ipasika ngenxa yabantu bonke abaziinqambi, ukuba iimvana zingcwaliselwe kuYehova;
-
18
|2 Crónicas 30:18|
ngokuba ubuninzi babantu, abaninzi ababevele kwaEfrayim nakwaManase, kwaIsakare nakwaZebhulon, baye bengazihlambululanga. Bayidla ipasika ngokungengamthetho; kodwa uHezekiya wabathandazela, esithi, Wanga uYehova olungileyo
-
19
|2 Crónicas 30:19|
angamxolela elowo uyibhekise intliziyo yakhe ekumquqeleni uThixo uYehova, uThixo wooyise, nakuba kungengokwentlambululo yendawo engcwele.
-
20
|2 Crónicas 30:20|
UYehova wamva uHezekiya, wabaphilisa abantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21