-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|2 Crónicas 30:21|
Oonyana bakaSirayeli abafunyanwayo eYerusalem bawenza ke umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixhenxe, bevuya kakhulu, bemdumisa uYehova iimini ngeemini abaLevi nababingeleli, ngeempahla zokumzukisa uYehova.
-
22
|2 Crónicas 30:22|
UHezekiya wathetha kakuhle nabo abaLevi bonke, ababenokuyiqonda kakuhle inkonzo kaYehova. Badla ke umthendeleko imihla esixhenxe, bebingelela imibingelelo yoxolo, bebulela kuYehova uThixo wooyise.
-
23
|2 Crónicas 30:23|
Ibandla lonke lacebisana ukwenza nesinye isixhenxe semihla; basenza ke isixhenxe semihla, bevuya.
-
24
|2 Crónicas 30:24|
Ngokuba uHezekiya ukumkani wakwaYuda walirhumela ibandla iwaka leenkunzi ezintsha zeenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane; nabathetheli balirhumela ibandla iwaka leenkunzi ezintsha zeenkomo, namawaka alishumi empahla emfutshane; bazingcwalisa ababingeleli abaninzi.
-
25
|2 Crónicas 30:25|
Lavuya lonke ibandla lakwaYuda, nababingeleli nabaLevi, nebandla lonke elavela kwaSirayeli, nabasemzini, abavela kwaSirayeli kwanabahleli kwaYuda.
-
26
|2 Crónicas 30:26|
Kwabakho uvuyo olukhulu ke eYerusalem; ngokuba kususela kwiimini zikaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli, akuzanga kubekho nto injalo eYerusalem.
-
27
|2 Crónicas 30:27|
Besuka bema ababingeleli, abaLevi, babasikelela abantu; ilizwi labo laviwa, nomthandazo wabo wangena ekhayeni lakhe elingcwele emazulwini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7