-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|2 Crónicas 7:21|
Nale ndlu, noko iphezulu nje, bomangaliswa bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
-
22
|2 Crónicas 7:22|
Bathi ke, Kungenxa enokuba bamshiyayo uYehova uThixo wooyise, owabakhupha ezweni lamaYiputa, babambelela thixweni bambi, babanqula, bakhonza bona; kungenxa yoko wabuzisayo bonke obu bubi phezu kwabo.
-
1
|2 Crónicas 8:1|
Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, abesakhe ngayo uSolomon indlu kaYehova neyakhe indlu,
-
2
|2 Crónicas 8:2|
imizi uHiram abeyinike uSolomon wayakha uSolomon, wababeka khona oonyana bakaSirayeli.
-
3
|2 Crónicas 8:3|
Waya uSolomon eHamati-tsobha, wayeyisa.
-
4
|2 Crónicas 8:4|
Wakha iTademore entlango, nemizi yonke engoovimba, awayakhayo eHamati.
-
5
|2 Crónicas 8:5|
Wakha neBhete-horon engasentla neBhete-horon engasezantsi, imizi enqatyisiweyo leyo, ineendonga neengcango nemivalo;
-
6
|2 Crónicas 8:6|
neBhahalati, nemizi yonke engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yonke yeenqwelo zokulwa, nemizi yabamahashe, nokulangazelela konke kukaSolomon, awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.
-
7
|2 Crónicas 8:7|
Bonke abantu abaseleyo kumaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababe bengengabakwaSirayeli;
-
8
|2 Crónicas 8:8|
koonyana babo abasala emva kwabo ezweni, abo babengagqitywanga ngoonyana bakaSirayeli, uSolomon wabanyula ukuba bafakwe uviko, unanamhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7