-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|2 Crónicas 8:9|
Koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga makhoboka omsebenzi wakhe; ngokuba babengamadoda okulwa, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
-
10
|2 Crónicas 8:10|
Abo bathetheli babengabongameli awayenabo ukumkani uSolomon; bebengamakhulu amabini anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini.
-
11
|2 Crónicas 8:11|
Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli; ngokuba kungcwele, apho kungene khona ityeya kaYehova.
-
12
|2 Crónicas 8:12|
Waza uSolomon wanyusa amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sikaYehova, abesakhele phambi kwevaranda;
-
13
|2 Crónicas 8:13|
ukuba kunyuswe into yemini ngangemini yayo ngokomthetho kaMoses, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, izihlandlo ezithathu ngomnyaka, emthendelekweni wezonka ezingenagwele, nasemthendelekweni weeveki, nasemthendelekweni weminquba.
-
14
|2 Crónicas 8:14|
Wawamisa ngokwesiko likaDavide uyise amaqela ababingeleli enkonzweni yawo; nabaLevi wabamisela ezigxineni zabo, ukuba badumise, balungiselele phambi kwababingeleli ngokwento yemini ngemini yayo, nabamasango ngokwamaqela abo kwisango ngesango; ngokuba ubunjalo umthetho kaDavide, umfo wakwaThixo.
-
15
|2 Crónicas 8:15|
Abatyeka emthethweni wokumkani kubabingeleli nakubaLevi ngemicimbi yonke nangobuncwane.
-
16
|2 Crónicas 8:16|
Walungiswa ke wonke umsebenzi kaSolomon, kwada kwayiloo mini yasekwa ngayo indlu kaYehova, kwasa nasekugqityweni kwayo; yafezwa indlu kaYehova.
-
17
|2 Crónicas 8:17|
Waza uSolomon waya e-Etsiyon-gebhere, nase-Eloti, elunxwemeni lolwandle ezweni lakwaEdom.
-
18
|2 Crónicas 8:18|
UHiram wathumela kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa, nabakhonzi ababelwazi ulwandle; baya kunye nabakhonzi bakaSolomon eOfire, bathabatha khona amakhulu amane anamanci mahlanu eetalente zegolide, bayizisa kukumkani uSolomon.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7