-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|2 Crónicas 9:21|
Ngokuba ukumkani ubeneenqanawa eziya eTarshishe ndawonye nabakhonzi bakaHiram; zeza kanye ngeminyaka emithathu iinqanawa ezo zaseTarshishe, zithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.
-
22
|2 Crónicas 9:22|
Wakhula ke ukumkani uSolomon ngaphezu kookumkani bonke bomhlaba ngobutyebi nangobulumko.
-
23
|2 Crónicas 9:23|
Bonke ookumkani bomhlaba bafuna ubuso bukaSolomon, ukuba beve ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.
-
24
|2 Crónicas 9:24|
Bazisa elowo umnikelo wakhe, iimpahla zesilivere neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.
-
25
|2 Crónicas 9:25|
USolomon wayenamawaka amane emikhombe yezitali zamahashe neenqwelo, neshumi elinamabini amawaka amahashe akhwelwayo; wawabeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.
-
26
|2 Crónicas 9:26|
Ubelawula ookumkani bonke, ethabathela kuwo uMlambo, azise ezweni lamaFilisti, ezisa nasemdeni waseYiputa.
-
27
|2 Crónicas 9:27|
Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esezihlanjeni, ukuba mininzi.
-
28
|2 Crónicas 9:28|
Bazisa kuSolomon amahashe evela eYiputa, evela emazweni onke.
-
29
|2 Crónicas 9:29|
Ezinye izinto zikaSolomon, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaNatan umprofeti, naseziprofetweni zika-Ahiya waseShilo, nasemibonweni kaIdo imboni, ngoYarobheham unyana kaNebhati?
-
30
|2 Crónicas 9:30|
USolomon wayengukumkani kumaSirayeli onke eYerusalem iminyaka emashumi mane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7