-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|2 Crónicas 2:14|
unyana wentokazi yasezintombini zakwaDan. Uyise ngumfo waseTire, okwaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangamatye, nangemithi, nangemisonto emfusa nemsi, nangelinen ecikizekileyo, nangemisonto ebomvu, nokukrola konke, nokuyila zonke iintlobo zomsebenzi awuphathisiweyo, ndawonye nezilumko zakho, nezilumko zenkosi yam, uDavide uyihlo.
-
15
|2 Crónicas 2:15|
Ingqolowa ke, nerhasi, neoli, newayini, ethethe ngazo inkosi yam, mayizithumele kubakhonzi bayo.
-
16
|2 Crónicas 2:16|
Ke thina sogawula imithi eLebhanon njengokufuna kwakho konke, siyizise kuwe eYafo ngokuyidadisa elwandle, uyinyuse wena, uyise eYerusalem.
-
17
|2 Crónicas 2:17|
USolomon wawabala onke amadoda angawasemzini, abe esezweni lamaSirayeli, emva kokubala awawabala ngako uDavide uyise; afumaneka elikhulu elinamanci amahlanu amawaka, elinesithathu samawaka, anamakhulu amathandathu.
-
18
|2 Crónicas 2:18|
Wamisa amashumi asixhenxe amawaka kuwo aba ngabathwali; namashumi asibhozo amawaka aba ngabasebenzi bemithi, nabaqingqi bamatye ezintabeni; namawaka amathathu anamakhulu amathandathu aba ngabongameli bokusebenzisa abantu.
-
1
|2 Crónicas 3:1|
USolomon waqala ukuyakha indlu kaYehova eYerusalem, entabeni yeMoriya, apho uYehova wabonakala khona kuDavide uyise, endaweni awayilungisayo uDavide, esandeni sikaOrnan umYebhusi.
-
2
|2 Crónicas 3:2|
Waqala ukwakha ngenyanga yesibini, ngowesibini umhla, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe.
-
3
|2 Crónicas 3:3|
Siso esi isiseko awasibekayo uSolomon ekuyakheni kwakhe indlu kaThixo; ubude iikubhite ngokomlinganiso omdala bebuziikubhite ezimashumi mathandathu; ububanzi bebuziikubhite ezimashumi mabini.
-
4
|2 Crónicas 3:4|
Ivaranda, ebingaphambi kobude bendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini, ingangobubanzi bendlu, nokuphakama kwayo kwakuziikubhite ezilikhulu elinamanci mabini; wayaleka ngaphakathi ngegolide ecocekileyo.
-
5
|2 Crónicas 3:5|
Indlu enkulu wayaleka ngemisipres, wayaleka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7