-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|2 Crónicas 31:1|
Kwakugqitywa konke oko, aphuma onke amaSirayeli afumanekileyo khona, aya emizini yakwaYuda, aziqhekeza izimiso zamatye, abagawula ooAshera, azidiliza iziganga nezibingelelo kulo lonke elakwaYuda, nelakwaBhenjamin, nelakwaEfrayim, nelakwaManase, kwada kwagqitywa. Babuya bonke oonyana bakaSirayeli, elowo waya elifeni lakhe, emizini yakowabo.
-
2
|2 Crónicas 31:2|
UHezekiya wawamisa amaqela ababingeleli nawabaLevi ngokwamaqela abo, elowo ngokomsebenzi wakhe, ababingeleli nabaLevi; wabamisela amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, ukuba balungiselele, babulele, badumise emasangweni eminquba kaYehova.
-
3
|2 Crónicas 31:3|
Isabelo sokumkani sasempahleni yakhe saba sesamadini anyukayo, amadini anyukayo akusasa kwanawangokuhlwa, namadini anyukayo esabatha, nawokuthwasa kwenyanga, nawemithendeleko, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova.
-
4
|2 Crónicas 31:4|
UHezekiya wathi kubantu, kubemi baseYerusalem, mabanike isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze babambelele emyalelweni kaYehova.
-
5
|2 Crónicas 31:5|
Lakuvakala elo lizwi, oonyana bakaSirayeli bazisa into eninzi yeziqhamo zokuqala zengqolowa, newayini, neoli, nobusi, nolibo lonke lwamasimi, bazisa kakhulu isishumi sezinto zonke.
-
6
|2 Crónicas 31:6|
Oonyana bakaSirayeli nabakaYuda, abahleleliyo emizini yakwaYuda, nabo bazisa isishumi seenkomo, nesempahla emfutshane, nesishumi sezinto ezingcwele, ezibe zingcwaliselwe uYehova uThixo wabo, bazibeka iimfumba ngeemfumba.
-
7
|2 Crónicas 31:7|
Baqala ngenyanga yesithathu ukuzenza iimfumba, bagqiba ngenyanga yesixhenxe.
-
8
|2 Crónicas 31:8|
Beza ooHezekiya nabathetheli, bazibona iimfumba ezo, babulela kuYehova nakubantu bakhe amaSirayeli.
-
9
|2 Crónicas 31:9|
Wababuza uHezekiya ababingeleli nabaLevi ngeemfumba ezo.
-
10
|2 Crónicas 31:10|
Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko, owendlu kaTsadoki, kuye, Kuseloko kwaqalwayo ukuziswa imirhumo endlwini kaYehova, side sahlutha, sashiya kakhulu; ngokuba uYehova ubasikelele abantu bakhe; le nto ingaka yeseleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7