-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|2 Crónicas 32:10|
Utsho uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Nikholose ngantoni na, nihleli nje ekungqingweni eYerusalem?
-
11
|2 Crónicas 32:11|
Akanilahlekisi uHezekiya yini na, ukuba aninikele ekufeni yindlala nakukunxanwa, ngokuthi oku, UYehova uThixo wenu wonihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?
-
12
|2 Crónicas 32:12|
AsinguHezekiya na lo uzisusileyo iziganga zakhe nezibingelelo zakhe, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Qubudani phambi kwasibingelelo sinye, niqhumisele phezu kwaso?
-
13
|2 Crónicas 32:13|
Aniyazi na into endayenzayo, mna noobawo, ezizweni zonke zamazwe la? Baba nako nokuba nako na oothixo beentlanga zamazwe la, ukuwahlangula amazwe azo esandleni sam?
-
14
|2 Crónicas 32:14|
Nguwuphi na koothixo bonke bezo ntlanga, bazisingela phantsi oobawo, owaba nako ukubahlangula abantu bakhe esandleni sam, ukuba abe nako uThixo wenu ukunihlangula esandleni sam?
-
15
|2 Crónicas 32:15|
Ke ngoko makanganilukuhli uHezekiya, makanganikhohlisi ngokunjalo. Musani ukukholwa nguye; ngokuba akubangakho namnye uthixo wazo zonke iintlanga nezikumkani, owaba nako ukuhlangula abantu bakhe esandleni sam, nasesandleni soobawo; wobeka phi na ke yena uThixo wenu? Akayi kunihlangula esandleni sam.
-
16
|2 Crónicas 32:16|
Babuya bathetha abakhonzi bakhe ngoYehova uThixo, nangoHezekiya umkhonzi wakhe.
-
17
|2 Crónicas 32:17|
Wabhala incwadi yokumngcikiva uYehova uThixo kaSirayeli, ethetha ngaye esithi, Njengokuba oothixo beentlanga zamazwe bengabahlangulanga abantu babo esandleni sam, ngokunjalo akayi kubahlangula noThixo kaHezekiya abantu bakhe esandleni sam.
-
18
|2 Crónicas 32:18|
Bamemeza ngelizwi elikhulu ngesiYuda ebantwini baseYerusalem ababeseludongeni, beboyikisa, bebaphelisa amandla, ukuze bawuthimbe loo mzi.
-
19
|2 Crónicas 32:19|
Bathetha ngoThixo weYerusalem njengoothixo bezizwe zehlabathi, umsebenzi wezandla zabantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7