-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Reyes 17:11|
baqhumisela khona ezigangeni zonke, njengeentlanga awazifudusayo uYehova ebusweni babo. Benza izinto ezimbi zokumqumbisa uYehova;
-
12
|2 Reyes 17:12|
bakhonza izigodo ezizizithixo, wathi uYehova kubo, Ize ningazenzi ezo nto.
-
13
|2 Reyes 17:13|
Waqononondisa uYehova kwaSirayeli nakwaYuda, ngabaprofeti bonke, iimboni ngeemboni, esithi, Buyani ezindleleni zenu ezimbi, nigcine imithetho yam, imimiselo yam, ngokomyalelo wonke endawumisela ooyihlo, endawuthumela kuni ngesandla sabakhonzi bam abaprofeti.
-
14
|2 Reyes 17:14|
Abeva, bazenza lukhuni iintamo zabo, njengeentamo zooyise abangakholwanga nguYehova uThixo wabo.
-
15
|2 Reyes 17:15|
Bayicekisa imimiselo yakhe, nomnqophiso wakhe awawenzayo nooyise babo, nezingqino zakhe awazingqinayo kubo; balandela izinto ezingento, baba ziinto ezingento, balandelana neentlanga ezibangqongileyo, awayebawisele umthetho uYehova ngazo, ukuba bangenzi njengazo.
-
16
|2 Reyes 17:16|
Bayishiya yonke imithetho kaYehova uThixo wabo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo, amathole amabini, benza uAshera, baqubuda kumkhosi wonke wezulu, bakhonza uBhahali.
-
17
|2 Reyes 17:17|
Bacandisa oonyana babo neentombi zabo emlilweni, bavumisa, bahlaba izihlabo, bazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba bamqumbise.
-
18
|2 Reyes 17:18|
UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.
-
19
|2 Reyes 17:19|
KwanamaYuda akayigcinanga imithetho kaYehova uThixo wawo; ahamba ngemimiselo yamaSirayeli abeyenzile.
-
20
|2 Reyes 17:20|
Wayilahla ke uYehova yonke imbewu yakwaSirayeli, wabacinezela, wabanikela esandleni sabaphangi, wada wabagxotha ebusweni bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10