-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Reyes 17:21|
Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; aza amenza ukumkani uYarobheham unyana kaNebhati. UYarobheham wawawexula amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.
-
22
|2 Reyes 17:22|
Bahamba oonyana bakaSirayeli ezonweni zonke zikaYarobheham awazenzayo abatyeka kuzo,
-
23
|2 Reyes 17:23|
wada uYehova wawasusa amaSirayeli ebusweni bakhe, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Afuduswa ke amaSirayeli emhlabeni wawo, asiwa eAsiriya, unanamhla.
-
24
|2 Reyes 17:24|
Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wazisa abantu, bevela eBhabheli, naseKuta, naseAva, naseHamati, naseSefarvayim, wababeka emizini yakwaSamari, esikhundleni soonyana bakaSirayeli. Balihlutha elakwaSamari, bahlala emizini yalo.
-
25
|2 Reyes 17:25|
Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, abamoyika uYehova; uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.
-
26
|2 Reyes 17:26|
Bathetha ke kukumkani waseAsiriya, bathi, lintlanga ozifudusileyo, wazibeka emizini yelakwaSamari, azilazi isiko loThixo weli lizwe; uzithumele ke iingonyama; yabona, ziyazibulala, ngokokuba zingalazi isiko loThixo weli lizwe.
-
27
|2 Reyes 17:27|
Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Yisani apho omnye wababingeleli enabafudusa khona, aye ahlale khona, abafundise isiko loThixo weli lizwe.
-
28
|2 Reyes 17:28|
Waya ke omnye wababingeleli, ababefudusiwe kwelakwaSamari, wahlala eBheteli, wamana ebafundisa ukuba mabathini na ukumoyika uYehova.
-
29
|2 Reyes 17:29|
Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zeziganga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.
-
30
|2 Reyes 17:30|
Amadoda aseBhabheli enza uSukoti-bhenoti; amadoda aseKuti enza uNeregale; amadoda aseHamati enza uAshima;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10