-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 25:1|
Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli; yena nempi yakhe yonke wayirhawula; wakha iinqaba zokubonisela ngeenxa zonke.
-
2
|2 Reyes 25:2|
Wangqingwa ke umzi, kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.
-
3
|2 Reyes 25:3|
Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesine yaqina indlala phakathi komzi; ababa nasonka abantu belizwe.
-
4
|2 Reyes 25:4|
Wagqojozwa umzi, asaba onke amadoda okulwa ngobusuku, ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye amaKaledi ewujikelezile umzi); wahamba ukumkani ngendlela yaseArabha.
-
5
|2 Reyes 25:5|
Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfikela ezinkqantosini zaseYeriko, yamphalala, yemka kuye yonke impi yakhe.
-
6
|2 Reyes 25:6|
Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela; lathethwa apho ityala lakhe.
-
7
|2 Reyes 25:7|
Abasika oonyana bakaZedekiya ekhangele; amtyhaphaza amehlo uZedekiya, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu, amsa eBhabheli.
-
8
|2 Reyes 25:8|
Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lwesixhenxe enyangeni leyo (loo mnyaka ke ngoweshumi elinesithoba engukumkani uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli), kwafika uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu, umkhonzi wokumkani waseBhabheli, eYerusalem.
-
9
|2 Reyes 25:9|
Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke ezinkulu wazitshisa ngomlilo.
-
10
|2 Reyes 25:10|
Iindonga zaseYerusalem yazidiliza ngeenxa zonke impi leyo yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki babantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10