-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Reyes 25:11|
Amasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awayephambele kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu.
-
12
|2 Reyes 25:12|
Ke umphathi wabasiki babantu wawasalisa amahlwempu elizwe, ukuze abe ngabasebenzi bezidiliya nabalimi.
-
13
|2 Reyes 25:13|
Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obe lusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli ubhedu lwazo.
-
14
|2 Reyes 25:14|
Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebe kulungiselelwa ngazo.
-
15
|2 Reyes 25:15|
Umphathi wabasiki babantu wathabatha nezitya, izitya zokutshiza, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere;
-
16
|2 Reyes 25:16|
neentsika zombini, ulwandle olunye, neenqwelwana, awazenzela indlu kaYehova uSolomon; alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke.
-
17
|2 Reyes 25:17|
Ukuphakama kwenye intsika bekuziikubhite ezilishumi elinesibhozo, ingqukuva yayo iyeyobhedu; ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintathu; umnatha neerharnate ezibe zisengqukuveni ngeenxa zonke, yonke loo nto yabe ilubhedu; intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye nomnatha wayo.
-
18
|2 Reyes 25:18|
Umphathi wabasiki babantu wamthabatha uSeraya, umbingeleli oyintloko, noZefaniya, umbingeleli wolwesibini udidi, nabagcini-mnyango bobathathu.
-
19
|2 Reyes 25:19|
Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, awayengumphathi wamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabehlala nokumkani, awafunyanwayo phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obesakuhlanganisa abantu belizwe; namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi.
-
20
|2 Reyes 25:20|
Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umphathi wabasiki babantu, wabasa kukumkani waseBhabheli eRibhela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10