-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 2:1|
Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali.
-
2
|2 Reyes 2:2|
Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eBheteli. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke, baya eBheteli.
-
3
|2 Reyes 2:3|
Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhlanje uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.
-
4
|2 Reyes 2:4|
Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko.
-
5
|2 Reyes 2:5|
Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhla uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.
-
6
|2 Reyes 2:6|
Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bahamba ke bobabini.
-
7
|2 Reyes 2:7|
Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan.
-
8
|2 Reyes 2:8|
UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile.
-
9
|2 Reyes 2:9|
Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho.
-
10
|2 Reyes 2:10|
Wathi, Ucele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10