-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Reyes 2:21|
Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki.
-
22
|2 Reyes 2:22|
Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo.
-
23
|2 Reyes 2:23|
Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini! Nyuka, nkqayindini!
-
24
|2 Reyes 2:24|
Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mane anababini kulo.
-
25
|2 Reyes 2:25|
Wesuka khona, waya entabeni yeKarmele; wesuka khona, wabuyela kwaSamari.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7