-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Reyes 8:11|
Wamkhangela, wamthi ntsho, wada waneentloni; walila umfo wakwaThixo.
-
12
|2 Reyes 8:12|
Wathi uHazayeli, Ililelani na inkosi yam? Wathi, Kungokuba ndibazi ububi oya kubenza koonyana bakaSirayeli; uya kuzitshisa ngomlilo iinqaba zabo, uwabulale amadodana abo ngekrele, ubatyumze abantwana babo, ubaqangqulule abafazi babo abamithiyo.
-
13
|2 Reyes 8:13|
Wathi uHazayeli, Uyintoni na umkhonzi wakho, eyinja nje, ukuba ade enze loo nto ingako? Wathi uElisha, UYehova undibonisile, ukuba uya kuba ngukumkani wakwa-Aram wena.
-
14
|2 Reyes 8:14|
Wemka kuElisha, waya enkosini yakhe. Yathi kuye, Utheni na uElisha kuwe? Wathi, Uthe kum, Inene, uya kuphila.
-
15
|2 Reyes 8:15|
Kwathi ngengomso wathabatha ingcawa, wayithi nkxu emanzini, wayaneka ebusweni bayo; yafa. UHazayeli waba ngukumkani esikhundleni sayo.
-
16
|2 Reyes 8:16|
Ke kaloku ngomnyaka wesihlanu kaYehoram, unyana ka-Ahabhi ukumkani wamaSirayeli (uYehoshafati engukumkani wamaYuda), waba ngukumkani uYehoram, unyana kaYehoshafati ukumkani wamaYuda.
-
17
|2 Reyes 8:17|
Ebeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe, waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem.
-
18
|2 Reyes 8:18|
Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba intombi ka-Ahabhi yayingumkakhe; wenza okubi emehlweni kaYehova.
-
19
|2 Reyes 8:19|
Noko uYehova ebengavumi ukulonakalisa elakwaYuda, ngenxa kaDavide umkhozi wakhe; njengoko wathethayo kuye, wathi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
-
20
|2 Reyes 8:20|
Ngemihla yakhe akreqa amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, azenzela ukumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7